Professional Documents
Culture Documents
Uphando ngezenzululwazi
UPHANDO
nabaFundi besiGaba seSiseko
Inxalenye yeengcingane nezimvo ezikule ncwadana sisiqhamo esiqanduselwe yintsebenziswano ende ephakathi kwesibini
sakwaKenyon, u-Alan kunye noViv. La maphuthi ahlathinye athi, sekulithuba encazelana ngothando lwemfundo yamabanga aphantsi
kwakunye nophuhliso lootitshala. Ngokutsho kwabo, oku kusukela ngeminyaka yokugabuka kwenkungu, oo-1960, ngethuba
bobabini beqalisa ukuhlohla eLondon, ukuza kuthi ga ngeminyaka yoo-1970. Oku kuncazelana ngezimvo kuqhubekile
naseLovedale, e-Alice, kwaya kutsho nase-Cape College, e-Fort Beaufort, apho abo babesebenza nabo bekunye nabafundi babo
babanceda ekuphuhliseni nangakumbi ezi ngcingane nasekuzisebenziseni kwiimeko nemixholo efanelekileyo. Umsebenzi othe
walandela usenziwa kunye nootitshala eziklasini, uthe wawulola nangakumbi lo msebenzi ngokubhekiselele kwimfaneleko yawo.
Uguqulelwe esiXhoseni ngu-NF Saliwa-Mogale noNkululeko Ndiki Ulungelelaniswe ngu
Iziqulatho
Intshayelelo . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . 3
Icandelo 1
Yeyiphi eyona ndlela ilungileyo yokwenza ukuba umkhenkce unyamalale? . . . . . 6
Ukuphanda ngoDongwe . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . .10
Ukuphanda ngeSonka . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . .14
Icandelo 2
Ukuphanda ngezinambuzane . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . 20
Ukuphanda ngezityalo . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . 28
Icandelo 3
Zingaphi iindlela onokwenza ngazo ukuba ibhalbhu yetotshi ilayite? . . . . . . . . . 36
Ukuphanda ngoTsalo noTyhilizo . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . 42
Icandelo 4
Ukuphanda ngezimo zenyanga . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . 50
Ukuphanda ngemozulu . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . 55
Isiqukumbelo . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . 64
Isihlomelo . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . 65
Intshayelelo
Ngonyaka ka-2004 ootitshala besiGaba esisiSeko bezikolo zamabanga aphantsi
ezili-9 kwisithili soMzantsi baqalisa ukusebenzisana nePSP ukuzama ukwakha
nokusungula uphando lwezeNzululwazi yezeNdalo kunye nabafundi babo,
njengenxalenye yeProjekthi yeMSET, exhaswa ngezimali ngumbutho iShuttleworth
Foundation. Le ncwadana sisiphumo sentsebenziswano yethu yeminyaka
emithathu.
INTSHAYELELO 3
FPSc Xhosa1 9/13/09 6:15 PM Page 4
ph i u m k henkce?
Usuka
im ifuno
e m inye Amanzi afika njani
hen i lu
Kut g ap h ezu
a n etephini?
ikhul l o g a m a
la b a
komh p h a ntsi
e ik hula
eminy h la ba? Asuka
kom phi am
afu?
i iin k ozo
i su k a ph
Z
em b e wu?
n
ani u mbane?
nj
Wenziwa
Ukuhlatywa kwemibuzo
Sithe gqolo
Uya kufumanisa ukuba kule ncwadana sithe gqolo ukucebisa ngeendlela
ukucebisa zokukhuthaza abafundi ukuba bacinge ze bavakalise imibuzo yabo, kwaye
ngeendlela bangade bahlokozwe, belolwa okanye belotywa ukuze babuze imibuzo. Kananjalo
zokukhuthaza masingoyikiswa kukuba abantwana baya kubuza imibuzo esiya kunzinyelwa
kukuyiphendula. Akuyomfuneko ukuphendula yonke imibuzo abayibuzayo.
abafundi ukuba
Kumathuba amaninzi eklasini kuqheleke ukuba ibe ngootitshala ababuza imibuzo.
bacinge ze
Kambe, njengootitshala, silindele ukuba abafundi bethu bayiphendule imibuzo
bavakalise leyo. Sikholelwa ukuba kufuneka ibe ngabafundi ngokwabo abafumana amathuba
imibuzo yabo, okubuza imibuzo, ukuba ikharityhulamu isekelwe emntwaneni ngenene. Kufuneka
ukuba siqinisekise ukuba abafundi bafumana intlaninge yamathuba okubuza
kwaye bangade
imibuzo abanokuba banayo. Kambe kufuneka ukuba bafumane amathuba
bahlokozwe, okuphanda imibuzo abanayo.
belolwa okanye
belotywa ukuze
babuze imibuzoº
INTSHAYELELO 5
FPSc Xhosa1 9/13/09 6:15 PM Page 6
ICANDELO 1
INkqunto neziNto ezinomsebenzi
Yeyiphi eyona ndlela ilungileyo yokwenza
ukuba umkhenkce unyamalale?
UMSEBENZI 2
IBanga R kunye neBanga 1
Xa usebenza nabafundi beBanga R okanye iBanga 1, kufuneka ubanike imiyalelo
ecacileyo malunga nokulandelayo ofuna bakwenze. Sicebisa ukuba kufuneka
ubaxelele ngokungqalileyo nangenyameko into ekufuneka beyenzile. Baxelele
ukuba iklasi yenu iza kuzama ukufumanisa ezona ndlela zilunge kakhulu nezona
zikhawulezayo zokwenza ukuba amagaqa omkhenkce anyibilike. Emva koko ke
baxelele ukuba ufuna basebenze ngokwezibini kwaye uza kunika isibini ngasinye
iqhekeza lomkhenkce. Baxelele ukuba kuza kufuneka ukuba kuphunyelwe
ngaphandle eklasini, kwaye ufuna bajonge ukuba ngowuphi na umntu oya
kufumana ezona ndlela zilungileyo zokwenza umkhenkce ukuba unyamalale
ngokupheleleyo. Bakhumbuze ukuba bazame ukucinga ngezona ndlela
zikhawulezayo zokwenzeka koku.
Khuphela ngaphandle abafundi bakho. Ungabaxelela ukuba
bazikhethele amaqabane abaza kusebenza nawo okanye
ubabele ngokwakho abantu ofuna ukuba basebenze nabo.
Nika isibini ngasinye igaqa lomkhenkce eliseglasini yeplastiki
elahlwayo. Kuya kufuneka ukuba wenze isigqibo malunga
nokuba ikude kangakanani na nesikolo le ndawo ufuna
nisebenzele kuyo. Mhlawumbi ungagqiba kwelokuba
nisebenzele emabaleni okudlala ukwenzela ukuba
ningaphazamisani nezinye iiklasi. Mhlawumbi ningakwazi
nokusebenzela ecaleni nje kweklasi yenu. Kananjalo kuya
kufuneka uqinisekise ukuba unakho ukwalusa isibini
ngasinye kwesikwenzayo. Bakhuthaze abafundi bakho ukuba
bacinge ngeendlela ezahlukileyo zokwenza ukuba imikhenkce
yabo inyibilike.
Xa sithe isininzi sabafundi bakho sakwazi ukunyibilikisa
imikhenkce yaso, ungabaphindisela kwaseklasini ukuze
nixoxe malunga noko nikwenzileyo kwanoko kuthe kwafunyaniswa.
IBanga 2 neBanga 3
Ukuba kuthe kanti abafundi bakho sele benonyaka okanye iminyaka
emibini besesikolweni, sicebisa ukuba ubanike ithutyana lokwenza
izicwangciso zokwenza uphando lwabo ngokwezigaba ezibini
besebenza ngokwamaqela amancinane ezibini okanye ezithathu.
O Okokuqala baxelele ukuba bachithe ithutyana elifutshane becinga
okanye bethetha ngezinto abanokuzenza.
O Emva koko ke bacele ukuba bazobe isicwangciso soko bafuna
ukukwenza. Bakhuthaze ukuba baqikelele ngokunokuthi
kwenzeke. Kufuneka ulaluse ze ulicuthe xa kuyimfuneko ixesha
lale misebenzi mibini. Ukucinga kubalulekile, kodwa kuyafuneka
ukuba abafundi babe nethuba lokusebenzisa iingcinga
nezicwangciso zabo.
Inqanaba elilandelayo kukubaxelela ukuba baqhube uphando lwabo.
Xelela abafundi bakho ukuba ufuna baqwalasele oko kwenzekayo.
Bakhumbuze ukuba babhale phantsi oko bakubonayo.
Njengoko usebenza nabafundi abaselula, sicebisa ukuba ubakhuphele
phandle abafundi bakho ukuze kwenziwe olu phando. Nika isibini
ngasinye okanye isithathu ngasinye iqhekeza lomkhenkce elikwiglasi
yeplastiki elahlwayo. Qinisekisa ukuba uyakwazi ukwalusa
okwenziwa liqela ngalinye elincinane, kwaye uyafumaneka ukuze
uqhube okanye ukhuthaze abo bafundi basokolayo.
Ukuphanda ngodongwe
‘Ibhokisana yamaqashiso’ – Ukuhlanganisa
uLwimi nezeNzululwazi
‘Ibhokisana yamaqashiso’ okanye ‘Ingxowana yamaqashiso’
sisixhobo esibaluleke kakhulu nekuyimfuneko ukuba utitshala
ngamnye wesikolo samabanga aphantsi abe naso. Yibhokisi
okanye ingxowana enezinto ezahlukileyo ezininzi ngaphakathi.
Injongo yayo yeyokuba umntu abe nakho ukufaka isandla sakhe
ngaphakathi abambe okanye eve into engaphakathi, kungekho
mntu ubonayo ukuba yintoni na leyo ibanjiweyo. Ibhokisana
yejusi ebukhulu buziilitha ezi-5 ingasebenza kakuhle kakhulu.
Kananjalo nebhokisi yamaphepha (enesiciko) engaphethanga nto
ebinamaphepha okwenza iikopi isenokusetyenziswa. Le nto isebenza
kakuhle kakhulu xa ibhokisi leyo igqojozwe macala omabini, ukuze
abantwana babe nakho ukufaka izandla zozibini ebhokisini, ukuze
babe nakho ukuyiva ngcono loo nto bayibambayo.
Ungayisebenzisa ibhokisana yamaqashiso (ingxowana yamaqashiso)
ukuze uphuhlise okanye wandise ukusetyenziswa kolwimi lokucacisa
ngabafundi bakho. Kananjalo ungayisebenzisela iNyumerasi, ezeNzulul
wazi kwakunye neZakhono zoBomi. Nanjengoko eli candelo lijolise
kwiNkqunto neziNto ezinomsebenzi, ibhokisana yamaqashiso ixabiseke
kakhulu ngokusebenziseka kwayo xa ufuna abafundi abancinane
bacinge malunga neempawu zenkqunto nezinto ezinomsebenzi.
Phambi kokuba usebenzise ibhokisana yamaqashiso nabafundi bakho, yenza
isicwangciso sokuba yintoni na onokuyifaka kwibhokisana leyo ngeli thuba. Faka
izinto eziqhelekileyo, izinto ezivakala ngokwahlukileyo nezineemo ezahlukileyo.
Kubafundi beBanga 2 nele-3, zama ukubandakanya izinto ezihlanganisa iimvakalo
kwakunye neemo ezahlukileyo. Umzekelo ungaquka ibhrashi yamazinyo, ibhola
yentenetya, isikhuhli, ibhrashi yeenzipho, ilitye, ipensile okanye usiba, ikama.
Ukuxoxa nokunxibelelana
Abafundi beBanga 2 kunye nabeBanga 3
Cela abafundi bakho ukuba bakuxelele
ngabakufumanisileyo. Esi sisakhono esibalulekileyo
senkqubo yezenzululwazi esiya kunceda abafundi
bakho ukuba baphuhlise ukuzithemba ekumeni,
bathethe ngaphambili kweklasi iyonke. Kananjalo
baya kufunda ukumamela abanye xa bethethayo ze
beve ukuba bathini na kwaye becinga ntoni abanye
abafundi. Lo gama babelana ngeembono zabo
abafundi, bhala phantsi loo magalelo abo
kwimaphu yeengcinga esebhodini. Into
esiyifumanisileyo yeyokuba iiklasi ezininzi zakwazi
ukuqashela ukuba loo nto iviwayo iyintoni na
kanye. Abafundi ababekhe bahlala emaphandleni
nasezilalini, nokuba kungethuba leeholide, baba
nakho ukwazi udongwe olomileyo.
Ukuphanda ngesonka
Musa ukulushiya olu phando kuba ningenaso isitovu se-onti esikolweni sakho.
Nokuba uwenze onke amalungiselelo nabafundi, wayixova intlama, ungayibhaka/uyipheke
intlama yesonka sakho ekhaya. Ngosuku olulandelayo ningabelana ngeso sonka eklasini.
Ukwabelana ngokufunda
Yenza ikopi yeresiphi, ze unike iqela ngalinye. Akukhathaliseki nokuba
usebenza nabafundi abancinane kangakanani. Eyona nto siyifunayo kukuba
baqhelane nokubona okubhaliweyo koko kubangqongileyo. Nakubeni nje
oomama, oomakazi, oomakhulu noosisi babo besenokungazisebenzisi
iiresiphi ezibhaliweyo xa bepheka, iresiphi lolunye uhlobo lombhalo
oluyinxalenye yezicatshulwa ezibhaliweyo kubomi bethu bemihla ngemihla.
Nokuba ucinga ukuba oko iya kuba yinkcitha-xesha nje, kuba abafundi bakho
“bengekakwazi okwangoku ukufunda”, sicebisa ukuba ubanike iresiphi. Le
yenye yeendlela zokwenza ulwimi kunye nelitheresi ibe yinxalenye nento
enomongo kolu phando. Yenza ikopi ebhalwe ngokucacileyo nakakhulu ukuze
ixhonywe edongeni. Emva koko ke fundela abafundi bakho ngokuvakalayo
iresiphi leyo. Bacele ukuba bafunde kwakhona iresiphi leyo kunye nawe.
ICANDELO 2
Ubomi neMpilo
Ukuphanda ngezinambuzane
Nokuba uziva njani na ngezinambuzane, siyathemba ukuba wena neklasi
yakho niya kuphanda ngezi ntlobo zahlukileyo zezidalwa ezincinane
ezifumaneka kwindawo enikuyo. Abantwana abancinane badla ngokuba
nomdla kakhulu kwizidalwa ezincinane ezahlukileyo ezifumaneka
endalweni kwaye izinambuzane zingumthombo omhle kakhulu
notyebileyo wophando.
Kuya kufuneka wenze isigqibo malunga nexesha
lonyaka oya kukhetha ukuphanda ngalo
ezi zidalwa. Thina ke siye
sakhetha ukuphela kwehlobo
nokuqala kokwindla,
ngexesha lokwanda
kwezidalwa ezincinane
endalweni.
Zintoni izinambuzane?
Sithetha ukuthini ‘ngezinambuzane’? Izinambuzane zizidalwa ezincinane,
zikwabizwa ngokuba zirhorho ezincinci (mini-beasts). Ezi zinambuzane ziquka
iintethe, iimpukane, oohlabamanzi, amabhungane, ooqongqothwane, iimbovane,
izigcawu, iinkumba neenyekevu, imisundululu, amacilikishe, amalovane,
oonqinishe, nayo nayiphi na into esisilwanyanana esincinane. Kodwa ke, ukuba
siza kufunda ngezinambuzane kunye nabafundi abancinane, kukho izidalwa
ezinokuba yingozi xa kuphandwa ngazo. Abantwana basenokuhlatywa okanye
batyiwe zizo. Nakubeni nje sifuna ukukhuthaza abafundi bethu ukuba babe
zimfunalwazi, asifuni ukuba babe sengozini. Kodwa oko asinakukusebenzisa
njengesizathu sokuphepha lo mbandela wezobunzululwazi.
Ukwazisa ngophando
Kukho iindlela ezahlukileyo onokwazisa ngazo olu phando. Ingayinto
entle ukuba abafundi bakho bangalukhokela okanye ibe ngabo
abahamba phambili kuphando olu. Ngamanye amagama, ukuba
umntwana unesidalwa esincinane asifumeneyo, kufanele ukuba
usisebenzise isidalwa eso. Isidalwa eso mayibe yindawo oza kuqala
kuyo uphando, ukuze ke ulandelise ngokufunisela ngakumbi
ngesidalwa eso kwakunye nezinye izidalwa jikelele.
Ukusebenza nabafundi beBanga 2 kwakunye nabeBanga 3
Kuya kufuneka ukuba ube nephepha elikhulu kwakunye
neekoki okanye iikhrayoni. Kufuneka ulungiselele uphando
ngokubhala igama elithi, “izinambuzane” embindini
wephepha, ze emva koko ukrwele imigca esuka apho
embindini, uleyibhelishe, wenze into ebundlu yesigcawu /
imaphu yeengcinga engqonge igama elo. Zama ukufumana
imifanekiso okanye incwadi yemifanekiso
engezinambuzane ukuze wabelane ngoku kunye
nabafundi. Ungayixhoma imifanekiso leyo eludongeni
lweklasi, okanye ubeke iincwadi kwitafile ekhethekileyo
ukuze abafundi babe nokujonga kuyo ngokuthe cwaka xa
sele bewugqibile umsebenzi.
UBOMI NEMPILO 21
FPSc Xhosa1 9/13/09 6:16 PM Page 22
iikritsi
isongololo
UBOMI NEMPILO 23
FPSc Xhosa1 9/13/09 6:16 PM Page 24
Inyekevu iphela
imbovane
Ibhabhathane
Ukuqokelela izinambuzane
Ukuba uceba ukuvumela abafundi bakho ukuba baziqokelelele izinambuzane,
kufuneka ubanike imiyalelo ecacileyo nengqingqwa phambi kokuba baye
kukhangela izinambuzane. Kananjalo, usenokuxoxa ngezinto abafundi
abasenokuzifumana xa beqokelela izinambuzane.
Kufuneka ubakhumbuzile abantwana ukuba ezinye izinambuzane ziyaluma kwaye
zinobungozi. Baxelele ukuba maze bangakuzami ukubamba iinyosi kunye
noonomeva okanye izigcawu. Xa becinga ukuba isinambuzane esithile
singanobungozi, bakhuthaze ukuba bacele uncedo kuwe.
Khumbuza abafundi ukuba kufuneka balumke xa beqokelela iimbovane.
Kananjalo, bakhumbuze ukuba ezinye zezigcawu zinobungozi kwaye bubulumko
ukuba baziyeke izigcawu.
Kananjalo kuya kufuneka ukuba ube nento abantwana abaza kuqokelelela kuyo
izinambuzane zabo. Sifumanise ukuba iiplastiki ezincinane ezikhanyayo
zokukhenkcisa zisebenza kakuhle kakhulu.
Uqwalaselo olwandisiweyo
Uya kufumana Emva kolu phononongo lokuqala, siya kukhuthaza ukuba uziphande banzi
imizekelo izinambuzane. Qala ngokwenza enye ingxoxo kunye nabafundi bakho. Sicebisa
kwisiHlomelo
ukuba uyilungiselele le ngxoxo ngokwenza iTshati ye-L-F-F (Loluphi uLwazi esele
esikwiphepha 74
kwakunye nephepha
sinalo? Yintoni esiFuna ukuyazi? Yintoni esiyiFundileyo?), okanye iTshati ye-L-F-C-
75. N-F (Loluphi uLwazi esele sinalo? Yintoni esiFuna ukuyazi?Yintoni esiyiCingayo?
Singayifumanisa Njani le nto? Yintoni esiyiFundileyo?).
Le yindlela elungileyo yokuqinisekisa ukuba uphando okhokelela kulo abafundi
lujolise kulwazi kwakunye nemidla yabo. Ekugqibeleni kophando ungabuza
abafundi bakho ukuba bafumanise ntoni na, kwaye ungababuza nokuba yintoni na
abacinga ukuba bayifundile. Ngako oko le yindlela yokubhala phantsi isicwangciso
somsebenzi kwakunye nohlobo lomsebenzi lowo kujoliswe kuwo.
Yalela abafundi beklasi yakho ukuba bakungqonge. Bazise abafundi bakho
ngeTshati ye-L-F-C-N-F, ukuba zange uyisebenzise ngaphambili. Babuze ukuba
bazi ntoni na ngesinambuzane esithile.
iTshati ye-L-F-C-N-F
Ukucwangcisa nokuphanda nabafundi besiGaba esisiSeko Bhala oko bakuxelela kona
phantsi koludwe
Loluphi Yintoni Yintoni Singayifumanisa Yintoni
olunesihloko esithi, ‘Loluphi
ULWAZI esele ESIFUNA ESIYICINGAYO? NJANI le nto? ESIYIFUNDILEYO?
uLwazi esele sinalo?’ Uya
sinalo? ukuyazi?
kumangaliswa ziinkcukacha
abaya kukunika zona
abafundi kwakunye
nabafundi abaya kukunika
ezo nkcukacha. Emva koko
ke buza abafundi bakho
ukuba, ‘Yintoni esiFuna
ukuyazi?’ Phinda ubhale
phantsi yonke imibuzo
abanayo abafundi okanye
konke abafuna
ukukufumanisa. Emva koko
ke buza abafundi ukuba,
‘NiCinga ukuba
singakufumanisa Njani oko
sikufunayo?’
UBOMI NEMPILO 25
FPSc Xhosa1 9/13/09 6:16 PM Page 26
Sifunde ntoni?
Emva kokuba abafundi bakho benze uphando lwabo, cwangcisa ixesha lokuba
kuxoxwe ngento abayifundileyo. Ukuba usebenza nabafundi beBanga 2 okanye
abeBanga 3, nika iqela ngalinye ithuba lokunika ingxelo yophando lwabo, into
abaceba ukuyenza, into abathe bayenza xa bebephanda, oko bathe bakufumanisa,
kwakunye noko bacinga ukuba bakufundile.
Ukanti ukuba usebenza nabafundi beBanga R
kwakunye nabeBanga 1, baqokelelele ecaleni
kwakho abafundi ukuze bakungqonge ze ubacele
ukuba bacinge ngoko bagqiba kukwenza. Babuze
ukuba,
O Yintoni esiyenze kuqala?
O Yintoni esilandelise ngayo?
O Ze ke emva koko senza ntoni?
O Leyo into ilandelwe yintoni?
O Kuye kwenzeka ntoni ke?
O Yintoni esiyifumanisileyo?
Ngolu hlobo ke uya kube ukhuthaza abafundi bakho ukuba bacamngce ngala
mava obunzululwazi, kwaye uyabakhuthaza ukuba bafunde belandelelanisa oko
bakwenzileyo ngokolandelelwano olululo. Oku kubaluleke kakhulu kwikhondo
lakho xa ubhala kwezenzululwazi xa sele usesikolweni.
Ukwandisa uphando
Yeyiphi imibuzo esingathanda ukuyibuza izinambuzane zethu? Nokuba
Lo gama izinambuzane ziseklasini yakho, mhlawumbi ungathanda ukubamba
iingxoxo ezongezelelekileyo nabafundi bakho ngezinambuzane ezo. Mhlawumbi usebenza
ungabuza abafundi ukuba mibuzo mini abanokuthanda ukuyibuza ezinye nabafundi
zezinambuzane. Uya kuthi ke ubhale imibuzo yabafundi bakho leyo. Le mibuzo abancinci
ingasisiqalo sophando olongezelelekileyo, okanye imfunalwazi. Mhlawumbi
ungamema uMququzeleli wezobuNzululwazi kwisikolo sakho ukuze azokuthetha kakhulu,
nabantwana ze aphendule imibuzo yabo. Okanye ungamema utitshala kufanele uzame
wezenzululwazi wesikolo samabanga aphakamileyo ukuze azokuthetha nabafundi ukucela
bakho.
abafundi
IiJenali zezeNzululwazi bakho ukuba
Nokuba usebenza nabafundi abancinci kakhulu, kufanele uzame ukucela abafundi bagcine iijenali
bakho ukuba bagcine iiJenali zezeNzululwazi. Le yinto ayenzayo uKaren Gallas,
oyititshala yabafundi beBanga 1 eMelika. Ekuqaleni konyaka ngamnye uthi anike zezeNzululwazi.
Inyekevu”
esuka
eNorthwood
UBOMI NEMPILO 27
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 28
Ukuphanda ngezityalo
iStock Photos
Amalungiselelo
Phambi kokuba uqalise uphando lwezityalo
kunye nabafundi bakho, zama ukuchitha
ixesha ekupheleni kosuku lwesikolo uhlola
amabala esikolo. Ngamanye amaxesha siye
sicinge ukuba azikho izityalo kwindawo
ethile kokusingqongileyo. Mhlawumbi oku
kubangelwa kukuba sicinga ukuba izityalo
ezo sizibonayo azinamsebenzi okanye
azizihlanga. Kodwa siyakuqinisekisa
ukuba uya kuba nakho ukufumana
imbinana yezityalo ukuba uvule
amehlo ngokwaneleyo. Ixesha lonyaka
liya kuba nempembelelo koko
ukufumanayo kumabala esikolo.
Yingcingane elungileyo
ukufumana ezinye iincwadi
zezityalo zaseMzantsi Afrika
ukuze uzibekelele kakuhle
eklasini yakho. Ukuba awukwazi
ukufumana iincwadi ezinjalo kwisikolo sakho, tyelela ithala leencwadi
lasekuhlaleni. Buza igosa lethala leencwadi labantwana, ze ulicacisele ngokuba
ufuna ukuphanda ngezityalo nabantwana bakho. Amanye amagosa kumathala
eencwadi zabantwana aluncedo olukhulu, kwaye mhlawumbi angakunceda ukuba
ufumane iincwadi ezifanelekileyo. Ungade ngelinye ixesha ufumane neencwadi
ezinamabali enziwe ngemifanekiso.
Xa sele unoluhlu olude, luphonononge uluhlu olo kunye nabafundi bakho ze ubacele
ukuba bakuxelele ukuba zeziphi izityalo eziyimithi. Ziphawule ezo zityalo
ziseluhlwini ngombala owahlukileyo wekoki okanye ikhrayoni. Ingaba kukho eminye
imithi abafundi bakho abayaziyo okanye abanokucinga ngayo? Yongeza amagama
aloo mithi kuluhlu lwakho.
UBOMI NEMPILO 29
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 30
UBOMI NEMPILO 31
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 32
Yintoni esiyifundileyo?
Emva kophando chitha ixeshana
nabafundi nicamngca ngoko
abantwana bacinga ukuba
bakufundile. Xoxani ngoko
bakwenzileyo noko
bakufumanisileyo. Nika ingxelo
ngoko abafundi bakuxelele kona
kwitshati ye-L-F-F yeklasi. Oku kuya
kukunika ubungqina bento eyenziwe
nguwe buqu kwakunye nabafundi
bakho, ze kusebenze njengento eya
kubakhumbuza.
Ukukhulisa izinto
Ezinye izityalo zikhula kumalungu esityalo. Umzekelo,
isityalo sentyantyambo ethile yase-Afrika singakhula
egqabini. Nqumla okanye usike igqabi esiqwini sesityalo.
Faka igqabi ngentonga leyo kumhlatyana osengqayini
yesityalo ze ugalele amanzi. Gcina igqabi elo kwindawo
efudumeleyo nemnyama eklasini. Gcina umhlaba lowo
ufumile. Igqabi elo liya kuhluma iingcambu eziya kungena
emhlabeni.
Isityalo setapile sikhula kwitapile ubuqu. Ukuba uthatha
umntla womnqatha ze uwubeke esosini enamanzi, uya
kuntshula ze isityalo somnqatha siqalise ukuhluma. Izityalo
ezininzi zemveli ezinjengesityalo esinamagqabi anencindi
njengonomaweni (isityalo esinamagqabi atyebileyo, nathi
adumbe ngamanzi) sikhula njengehlumelo sikwisityalo
esingumzali. Amanye amakhala akhula ngale ndlela.
UBOMI NEMPILO 33
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 34
Izityalwanyana eziziinceke
Ukuba usebenza nabafundi beBanga R okanye abeBanga 1,
cela iqela labafundi ukuba bakhethe isityalo esikumabala
esikolo ze basinonophele eso sityalo unyaka wonke. Xelela
iqela ngalinye ukuba ligcine iintsuku namaxesha
okunkcenkceshela nokuhlakulela okanye ukukhathalela eso
sityalo. Abafundi bakho banokuzalisa itshati yenyanga
(njengekhalenda) ze bazobe oko bakwenzileyo ngeentsuku
ezifanelekileyo.
Ukuhlikihla amagqabi
Kuya kufuneka ube nephepha
elingqindilili kwakunye neekhrayoni
ezityebileyo (ezinombala oqaqambileyo
oluhlaza, omdaka, otyheli, obomvu).
Emva koko ke cela abafundi bakho
ukuba bakuncedise ekuqokeleleni
amagqabi awohlukileyo (kungcono
kukhethwe kakhulu loo magqabi awe
phantsi ezityalo) ukuze kwenziwe lo
msetyenzana. Thathani loo magqabi
niye nawo eklasini.
Abantwana kufuneka babeke iphepha
phezu kwegqabi, ze bahlikihle
ngekhrayoni leyo ngaphezulu loo gama
lona igqabi lingaphantsi. Umphandle
nesakhiwo segqabi kufanele ubonakale.
Xelela abafundi bakho ukuba basebenzise imiphezulu kwakunye nemiphantsi
yamagqabi xa bekhuhlela imifanekiso yezakhiwo nemiphandle yamagqabi.
Yintoni abayiqapheleyo?
Yintoni abayifumanisileyo?
UBOMI NEMPILO 35
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 36
ICANDELO 3
I-Eneji neNguquko
Zingaphi iindlela onokwenza ngazo ukuba
ibhalbhu yetotshi ilayite?
Kukho iindlela eziliqela nezahlukileyo zokwazisa ngolu phando. Mhlawumbi ungawuvula
ngengxoxo engobusuku nemini, naxa abantu befuna ukusebenzisa into enjengetotshi. Kungenjalo,
ungabalisa ibali.
iStock Photos
besiGaba sesiSeko eNorthwood.
Intshayelelo
Ngexesha lokudlala (lokutya) kusuku lophando, ootitshala bagquma iifesitile
zegumbi lokufundela ngephepha elimnyama. Bathe, kananjalo beza neentlobo
ngeentlobo zezibane esikolweni. Ootitshala baqala ke ngoko ukungenisa Naxa kunjalo,
abantwana eklasini. Eklasini kwakumnyama ngolona hlobo. Wawungenakubona kumnandi
nesandla esi siphambi kobuso bakho! Bababuza abantwana ukuba yintoni na ukukhe
abayibonayo. Emva koko ke bababuza abantwana ukuba yintoni na abacinga
ngezinye
ukuba inokubanceda ukuze babone. Abantwana beza neempendulo ezininzi
ezahlukileyo, baza ke ootitshala bakhanyisa izibane kancinane, belayita isibane iintsuku
sibe sinye okanye zibe zibini ngexesha. Kudonga olungasemva, phakathi eklasini, kuchithwe
ootitshala babexhome iinkwenkwezi kwiphepha elimnyama. Lo yayingumbono ixeshanyana
omhle ngolona hlobo!!
kucwangciswa
Ootitshala babahlalisa phantsi emethini abantwana baze bavula ingxoxo kwaye
emalunga nezinto ezinokusinceda zisikhanyisele ebumnyameni xa kungekho
kusenziwa
zibane zakukhanyisa. Ekugqibeleni kubekho umntu oye wacebisa ukuba
singasebenzisa itotshi. namalungisele
Ngokwenene, le ibiyindlela enomdla ngokwenene yokwazisa olu phando, kwaye lo okwenziwa
sizive sinelunda kwaye sixhamla nelungelo elilodwa ngokuba sibekho, ukuza kwento
kuxhamla kula mava. Ngelishwa ke, ootitshala abakwazi ukwenza into efana nale ekhethekileyo
yonke imihla. Naxa kunjalo, kumnandi ukukhe ngezinye iintsuku kuchithwe neyahlukileyo.
ixeshanyana kucwangciswa kwaye kusenziwa namalungiselelo okwenziwa
kwento ekhethekileyo neyahlukileyo. Iklasi yakho iya kuyithanda kakhulu le nto.
Ukuphonononga iitotshi
Izinto oza kuzifuna
Kuya kufuneka ukuba ube netotshi ukuze kwenzeke le ngxoxo. Kananjalo
sicebisa ukuba ube noxwebhu lwephepha oluyitshati yokubhala enomfanekiso
olula wetotshi ozotywe embindini wephepha. Wuzobele lo mfanekiso imigcana
engathi ziintambo zesigcawu okanye imaphu yeengcinga.
Ukuphonononga
Buza abafundi bakho ngendlela abacinga ukuba
itotshi isebenza ngayo. Ngawaphi amalungu
etotshi? Yintoni eyenza ukuba ibhalbhu ilayite?
Bhala iingcingane zabafundi kwimaphu
yeengcinga. Sicinga ukuba uya kubafumanisa
abantwana benolwazana ngokungaphakathi
etotshini, nokuba abaqinisekanga ukuba itotshi
leyo isebenza njani na. Njengoko iqhuba nje
ingxoxo vula itotshi leyo, uyiqhaqhe ukwenzela
ukuba abafundi bawubone umphakathi kwakunye
namalahle ayo (ezi zinto ziqhele ukubizwa
njengeebhetri) kunye nebhalbhu encinane
engaphakathi. Buza abafundi bakho ukuba, Ingaba
ibhalbhu yetotshi ilayita njani?
Ukufumanisa indlela elayita ngayo ibhalbhu yetotshi
Izinto oza kuzifuna
Iqela ngalinye liya kufuna,
O ilahle(ibhetri) yetotshi engu-1,5v
O ibhalbhu yetotshi
O oogesi ababini abagqunywe ngeplastiki, ababude bungama-20 cm emnye
Ungacela uMququzeleli wezobuNzululwazi esikolweni sakho ukuba athenge
ezi zixhobo kwabakwaRutland Industries. Idilesi yalo mzi-mveliso ifumaneka
kwisiHlomelo esikwiphepha 82. Qinisekisa ukuba zonke iibhalbhu kunye
namalahle ziyasebenza phambi kokuba uqalise uphando.
• Qala ngokunika
Kuya kufuneka kananjalo ukuba unike iqela
iqela ngalinye ugesi ngalinye,
omnye O uxwebhu lwephepha lokubhala
• Uya kuthi ke kamva O izimo zamalahle etotshi ezimibalabala
unike iqela ngalinye ezi-5
ugesi wesibini O izimo zebhalbhu yetotshi ezi-5
O iPrestiki encinane kwakunye,
O neepensile
Abafundi bakho baya kuzisebenzisa ezi
zinto ukuze banike ingxelo yoko
bakufumanisileyo. Uya kufumana iphepha
lezimo zamalahle etotshi, onokuthi ulikope
ze ulisike, kwiphepha 76 elikwisiHlomelo.
(Ezi zimo sizikope, sizisusela kumakhadi azuba.) Kananjalo uya kufumana
iphepha lezimo zebhalbhu yetotshi elikwiphepha 77 elikwisiHlomelo, noya
kuthi ulikope ze ulisike. (Ezi zimo zebhalbhu sizikope sizisusela kwikhadi
elityheli.)
I-ENEJI NENGUQUKO 37
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 38
Ukuphanda
Xelela abafundi bakho ukuba uza kunika iqela
ngalinye labafundi ilahle letotshi elingu-1,5v,
ibhalbhu yetotshi kwakunye nogesi omde. Xelela
abafundi bakho ukuba ufuna baphande indlela
abanokwenza ngayo ibhalbhu yetotshi ukuba ilayite.
Jikeleza apha phakathi kwamaqela abafundi uzame
ukubona ukuba baqhuba njani na abafundi abo. Into
esithe sayifumanisa kukuba abafundi baziimfuna-
lwazi kwaye banomonde nozingiso. Sibakhuthazile
xa bebezama iindlela ezahlukileyo zokuphanda.
Ekusebenzeni kwabo ngomdla nokungatyhafi, siye
saqaphela indlela entle abasebenzisana ngayo
ekubambeni nasekuqiniseni oogesi, iibhetri, kunye
neebhalbhu. Wonke umntu wayefuna ukuncedisa.
Ukunika ingxelo
Emva nje kokuba iqela likwazile ukwenza ibhalbhu
yalo yetotshi ukuba ilayite, banike,
O izimo zamalahle etotshi ezizuba (bhlu) i-5
O izimo zebhalbhu zetotshi ezityheli ezi-5
O umcu omncinane wePrestiki, kunye
O nephepha lokubhala
Bonisa abafundi bakho indlela yokuncamathelisa
isimo selahle letotshi elizuba kwiphepha labo
ngendlela efanayo nendlela ebelibekwe ngayo, ukuze
ibhalbhu yetotshi ilayite. Emva koko ke, cela
abafundi bakho ukuba bakubonise ukuba iphi na
ibhalbhu. Ncamathelisa izimo zebhalbhu zetotshi
ezityheli kwiphepha lakho, ngendlela efanayo nendlela
ebibekwe ngayo ukuze ibhalbhu yetotshi ilayite. Emva
koko ke cela abafundi bakho ukuba bazobe indawo
ehamba ugesi.
Emva kokuba ubancedisile abafundi bakho ukuba benze
umfanekiso woko bakwenzileyo, cela abafundi ukuba
bafumane enye indlela yokwenza ukuba ibhalbhu ilayite.
Baxelele ukuba zininzi iindlela zokwenza ibhalbhu ilayite,
kwaye ufuna ukuba bafumane zibe ninzi kangangoko.
Baxelele ukuba ufuna bakubize xa kukho abazifumeneyo.
Sebenza ngolu hlobo nawo onke amaqela. Nokuba unabafundi abaninzi
kangakanani na eklasini yakho, unokukwazi ukwenza olu phando kunye
nabafundi abancinane.
Khuthaza iqela ngalinye odlula kulo xa uhamba phakathi kwawo. Banike
uncedo xa ucinga ukuba baxingile, kwaye naxa belufuna uncedo olo. Kodwa
ke, kwangaxeshanye, zama ukubavumela abafundi ukuba bazenzele uphando.
Nokuba urhalela kangakanani na ukuba yinxalenye yophando okanye ufuna
ukubabonisa into amabayenze, MUSA ukungenelela. Bavumele abafundi ukuba
bawenze ngokwabo umsebenzi wezandla wophando. Siqinisekile ukuba uya
kumangaliswa yindlela yobunzululwazi abaziphethe ngayo nabaya kuthi
bayibonakalise, nesakhono ofuna ukusibethelela.
Ukunxibelelana
Asakuba onke amaqela abafundi bakho
efumene ngaphezulu kwendlela enye
yokulayita ibhalbhu, nika iqela ngalinye
ithuba lokwabelana nabanye abafundi
ngendlela yabo engenye yokwenza
ibhalbhu ilayite. Yima ecaleni kwabo
bantwana bathethayo, ubanike inkxaso
abayifunayo. Benze ukuba babonise
ngomfanekiso woko bakwenzileyo. Lo
ngummandla obaluleke kakhulu
wophando. Amaqela ohlukileyo
anokufumana iindlela ezahlukileyo
zokwenza ukuba ibhalbhu ilayite.
Ukufumanisa iindlela ezininzi zokwenza ibhalbhu yetotshi
ilayite
Nika abafundi bakho ixesha elaneleyo lokuzama ukufumana ezinye iindlela
zokwenza ukuba ibhalbhu ilayite. Zintlanu ubuncinane iindlela zokwenza ukuba
ibhalbhu yetotshi ilayite. (Uya kuzifumana ezi ndlela kwisiHlomelo esikwiphepha
79.) Ukuba usebenza nabafundi beBanga 2 nabeBanga 3, zama ukubakhuthaza
ukuba bazame ukuzifumana zontlanu ezi ndlela.
Ukanti ukuba usebenza nabafundi abancinane, mhlawumbi usenokucinga ukuba
lide kakhulu elo xesha balichithileyo, ngoko ke lanele. Ukanti unokukwazi
ukunika ithuba lokuba abantwana bakwenze oku ngelinye ixesha. Kuya kuba
nomdla ukufumanisa ukuba basazikhumbula kusini na iindlela zokwenza
ibhalbhu ilayite, ebebeziveze kusuku lokuqala, okanye babe mhlawumbi beza
neendlela ezintsha kraca.
Xelela abafundi bakho ukuba babhale amagama abo kwimifanekiso abayenzileyo.
Uze ke uyixhome le mifanekiso kudonga lweklasi.
Ukuphononongwa nzulu kwebhalbhu yetotshi
Abafundi beBanga 2 kunye nabeBanga3
Kulo msetyenzana ufuna abafundi ukuba baqwalasele nzulu ibhalbhu yetotshi.
Ingaba ikhangeleka njani ibhalbhu? Malungu mani okanye zinto zini
ezikwiBhalbhu??
Ukulungiselela uphononongo
Ukuze wenze lo msebenzi, kuya kufuneka wenze imodeli
yebhalbhu yetotshi enkulu (esibaca) engumacala-mabini -
2D. (Sinikezile ngamalungu ale modeli kwiphepha 78
lesiHlomelo. Ungenza ikopi yale modeli ze uyisike.
ibhalbhu inkcenkce yokubamba Kwakhona siphinde sasebenzisa ikhadi elityheli
kwibhalbhu yetotshi saza sasebenzisa ikhadi elizuba
ncamathisa kwilahle letotshi.)
O Khupha ngokusika isimo esikhulu sebhalbhu.
iglu zoba O Khupha ngokusika esinye isimo esiyinkcenkce esihlala
ibhalbhu
O Ncamathelisa ngeglu umphantsi webhalbhu kwicala
lasekunene lesimo esibuxande ukuze ikwazi ukonela
kunxantathu oqatywe mdaka.
I-ENEJI NENGUQUKO 39
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 40
I-ENEJI NENGUQUKO 41
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 42
iStock Photos
Yintoni oya kuyifuna
Kuya kufuneka ukuba ube neemagazini ezoneleyo ezindala
ukuze kubekho ubuncinane imagazini enye phakathi
kwabantwana ababini. Kananjalo kuya kufuneka ukuba ube
nezinto ezininzi ezifanelekileyo eziya kwaziwa ngabantwana
bakho, nezikhoyo kumakhaya abo nakubomi babo bemihla
ngemihla. Zama ukuqinisekisa ukuba unezinto ezahlukileyo
ezininzi ukuze ube nakho ukunika abafundi bakho amava
ohlukileyo ukuze ugxininise indlela utsalo, utyhilizo nojijo
oluyinxalenye ngayo yobomi bethu bemihla ngemihla.
Siye saquka intlama yokudlala, udongwe, iibhaluni, amatye,
ubunkcenkcarha, ubuplangana, ilastiki, isilingi, iPrestiki,
isiponji, iibhola ezincinane ezithambileyo, isipringi,
iphepha, iimbombozi zeplastiki ezingenanto nezineziciko
ezijijwayo xa zivulwa naxa zivalwa, iimbombozi
ezingenanto ezineziciko ezicinezelwayo nezitsalwayo xa
zivulwa naxa zivalwa, njalonjalo. Faka zonke ezi zinto
uziqokeleleyo kwibhokisi okanye kwibhaskithi enkulu ukuze
ube nakho ukuzifumana kakuhle xa uza kwenza isigaba
sokuqala sophando.
Qinisekisa ukuba unamabhastile ambalwa, iibhaluni
ezimbalwa, iimoto zokudlala ezimbalwa, amaplanga
agudileyo ambalwa, kwakunye neebhloko ezimbini okanye
ezintathu. Xa kuthe kanti wabe usebenza nabafundi
beBanga 2 okanye abeBanga 3, sicebisa ukuba ufune
iiteyiphu zokuthatha imilinganiselo okanye iirula ezinde.
Ukwazisa uphando
Utsalo notyhilizo yinxalenye yobomi bethu bemihla ngemihla. Liyinene
elavakaliswa ngu-Audrey Dryding ngethuba ekwakubanjwe ucweyo
lukamasifundisane, apho wathi, “Yonke into esiyenzayo ibandakanya utsalo,
utyhilizo, okanye ujijo!” Sifumene incwadi yamabali emifanekiso neya
kulwazisa kakuhle olu phando: isiBhadlalala seMbukumbuku yoMnqathe
oyiTheniphu oMkhulukazi. Le yintsomi yaseRashiya eyayibhalwe ngu-Leo
Tolstoy. Sisebenzise inguqulelo eyayihonjiswe ngu-Helen Oxenbury.
Kweli bali kukho indoda endala eyatyala iminqathana ebizwa ngokuba
zitheniphu. Enye yeetheniphu yaye yakhula yasisibhadlalala esikhulukazi, yaza
yathi le ndoda xa izama ukuyitsala, ayakwazi. Ke ngoko yabiza umfazi wayo.
Yade yabiza umzukulwana wayo ekugqibeleni kwakunye nenani elivakalayo
lezilwanyana ukuba ancedwe ukukhupha iitheniphu emhlabeni, kwaza kwathi
ngelingeni bazikhupha. Ulwimi olusetyenziswe kweli bali lulula kakhulu kwaye
kukho uphinda-phindo oluninzi. Ngako oko ke eli bali lisilungele kakhulu
isiGaba esisiSeko.
Uya kulifumana eli bali kwisiHlomelo esikwiphepha 80.
Sityhiliza xa kutheni ze sitsale xa kutheni?
Usakuba ulifundile okanye ubabalisele abafundi bakho ibali obulikhethile,
ncokola nabafundi bakho ngotyhilizo notsalo. Babuze ukuba,
O Sityhiliza xa kutheni?
O Sitsala xa kutheni?
Ungabacela ukuba bashenxise okanye bahambise izinto
ezahlukileyo eklasini. Umzekelo, unokucela omnye
wabantwana ukuba avule ifestile okanye ucango. Xa
umntwana esenza oku, mbuze ukuba, “wenza ntoni?
Ingaba uyatyhiliza okanye uyatsala?” Okanye endaweni
yokubuza lo mntwana usebenzayo, xelela abanye abafundi
ukuba baqwalasele ngenyameko. Loo gama umntwana
evula okanye evala ifestile okanye ucango, buza iklasi le
xa iyonke ukuba, “Ingaba wenzani lo mfundi? Ingaba
uyatsala okanye uyatyhiliza?” Emva koko, thatha ibhokisi
okanye ibhaskithi obufake kuyo izinto ezahlukileyo
obuziqokelele. Nika iqela ngalinye izinto ezininzi
ezahlukileyo. Xelela abantwana ukuba ufuna benze
uphando ngezinto ekufuneka bezityhilizile, kwakunye
nezo kufuneka bezitsalile. Kulindeleke nakanjani ukuba
igama elithi, jija kuya kuthethwa ngalo kwesi sithuba.
Umzekelo, xa sikhama ilaphu (siyajija), kuba le nto
yindibanisela yokutyhiliza (ngesandla esinye) kwakunye
nokutsala (ngesinye isandla).
Isipha samagama
Kuya kufuneka ube namaphepha ama-3 amakhulu aziitshati kwakunye neekoki
okanye ikhrayoni ukuze wenze loo msebenzi. Embindini wetshati nganye
kufuneka ubhale la magama alandelayo:
O Tyhala
O Tsala
O Jija
I-ENEJI NENGUQUKO 43
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 44
INDAWO YOKUSEBENZELA 1
Yintoni efuna ukutyhalwa, yintoni efuna ukutsalwa ze
ibe yintoni efunda ukujijwa?
Kuya kufuneka ukuba uqokelele izinto abaziqhelileyo
abafundi bakho. Khangela okufumana ekhayeni lakho kunye
naseklasini yakho. Mhlawumbi usenokuquka ibhotile
yesiselo yeplastiki enesiciko esijijwayo, nokuba yinto
enesiciko esicinezelwayo xa sivalwa ze sitsalwe xa
sivulwa, usiba / ipensile, irhabha, isipeliti samaphepha,
iibhola ezithambileyo ezincinane, umtya, isilingi,
iibhaluni, iPrestiki, intlama yokudlala, amatye, into
eyenziwe ngenkcenkce okanye intsimbi, into eyenziwe
ngeplanga, isipringi, njalo-njalo. Faka zonke izixhobo
ezo kwibhokisi enkulu kangangoko nengenzulu kuyaphi
(isiciko sebhokisi yamaphepha okwenza iikopi singawufanela kakuhle kakhulu
lo msebenzi) ukwenzela ukuba iqela labantwana libe nokufikelela ngokulula
kwizinto ezikhoyo ukuze bakwazi ukuyibona nantoni na ukuba ingaba ifuna
ukutsalwa, ukutyhalwa okanye ukujijwa kusini na.
Cela abafundi ukuba baphande
Yintoni efuna ukuTyhalwa? Yintoni efuna ukuTsalwa? ngezixhobo ezo ukuze bafumanise
ukuba ingaba zifuna ukutyhalwa,
Yintoni efuna ukuJijwa?
ukutsalwa okanye ukujijwa kusini na.
Phanda ngoko ukufumana ebhokisini. Baxelele ukuba ufuna bahlele izinto
Zinto zini ezifuna ukutyhalwa? Zihlanganise ezo ngokwamaqela amathathu: ezo
ndawonye kufuneka sizityhale, ezo kufuneka
sizitsale kunye nezo kufuneka sizijije.
Zinto zini ezifuna ukutsalwa? Zihlanganise ndawonye Ukuba usebenza nabafundi beBanga 2
Zinto zini ezifuna ukujijwa? Zihlanganise ndawonye okanye abeBanga 3, ungenza
amaKhadi oMsebenzi anemiyalelo.
Zoba into nganye efuna ukutyhalwa kuluhlu loTyhalo.
Ukanti, ukuba usebenza nabafundi
Zoba into nganye efuna ukutsalwa kuluhlu loTsalo. beBanga R okanye iBanga 1,
Zoba into nganye efuna ukujijwa kuluhlu loJijo. mhlawumbi kuya kufuneka ubanike
imiyalelo ngomlomo.
Umzekelo weKhadi loMsebenzi
Utyhalo uTsalo uJijo Ukuba usebenza nabafundi beBanga 2 okanye
abeBanga 3, ungacela abafundi bakho ukuba
babhale phantsi ingxelo yoko bakufumanisileyo.
Mhlawumbi usenokubanika itheyibhuli enezintlu
ezi-3 ukuze babhale into nganye kuluhlu
olufanelekileyo, okanye ungabacela ukuba bazobe
oko bakufumanisileyo.
Umzekelo wetheyibhuli
Ngokunjalo, abafundi beBanga R nabeBanga 1
banakho ukubhala ingxelo ngoko
bakufumanisileyo ngokuzoba into nganye phantsi
koluhlu olunye kwezi zintathu. Xa kufuneka
abafundi benike ingxelo ngoko bakufumanisileyo
oko kuya kubenza babenento ebhalwe phantsi
ukuze bazikhumbuze ngayo.
I-ENEJI NENGUQUKO 45
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 46
INDAWO YOKUSEBENZELA 2
Yintoni eyenza ukuba inqwelo yokudlala ibaleke
ngesantya esiphezulu?
Apha kuya kufuneka ukuba ube neenqwelo zokudlala
ezincinane ezintandathu. Ungazifumana ezi ngexabiso
eliphantsi kakhulu kwivenkile ekudederhu lweevenkile.
Zidla ngokufumaneka ngantathu okanye ngane, nto leyo
izenza zibe phantsi kakhulu ngexabiso. Kodwa ke, nceda
uzame ukukhetha iintlobo ezahlukileyo zeenqwelo, ii-4x4
kunye nezigadla. Oku kuthetha ukuba abantwana baza
kucinga ngokuba
O yintoni ebangela ukuba enye inqwelo ibaleke kakhulu
kunenye? Okanye
O yintoni eyenza ukuba iinqwelo zishiyane ngokomgama
ezifikelela kuwo kodwa zibe bezityhilizwe ngokufanayo.
Indima yoku-1
O Phawula iindawo apha eklasini, apho iqela ngalinye liza
kwenza khona lo msebenzi.
O Phawula umgca ekuza kuqalwa kuwo ukuze abafundi
baluqale kuwo ugqatso.
O Xelela amaqela abafundi ukuba ufuna bafumane eyona
nqwelo ibaleka kakhulu.
O Babonise ngokucacileyo abafundi ukuba kufanele
“bazibekisele” phi iinqwelo zabo.
O Baxelele ukuba kufuneka baqinisekise ukuba bonke
baqala emgceni omnye ngexesha elinye.
O Baxelele ukuba kufuneka kubekho umntwana omnye oza kubaxelela ukuba
baqalise nini na ukubalekisa.
O Uya kuthi ke unike umntwana ngamnye oseqeleni inqwelo eyiyeyakhe.
O Nje esakuthi umlawuli-lugqatso, “Maziye”, umntwana ngamnye kufuneka
ayityhilize kanye inqwelo yakhe ukwenzela ukuba iqengqeleke.
O Yeyiphi inqwelo ehambe ngesantya esiphezulu? Kutheni?
O Yeyiphi inqwelo ehambe umgama omde? Bacinga ukuba kutheni kwenzeke
loo nto nje?
O Abafundi beBanga 2 nabeBanga 3 bangathatha imilinganiselo yemigama
ehanjwe zezo nqwelo.
Indima yesi-2
Kwindima yesibini yophando, kuza kufuneka wenze
ithambeka. Ungasebenzisa ibhloko enye okanye ezimbini
ukuze uthambekise elinye icala lebhodi eqinileyo okanye
iplanga. Nalapha ke kuya kufuneka ukhethe indawo
eklasini ukuze abafundi ‘babalekise’ iinqwelo zabo.
O Xelela abafundi ukuba kufuneka ukuba babolekisane
ngokuyeka iinqwelo zabo zibaleke bengakhange babe
bazityhilizile.
O Yeyiphi eyona nqwelo ihambe umgama omde? Kutheni
becinga olo hlobo nje?
O Bacele ukuba babhale phantsi ingcaciso leyo. Abafundi
beBanga 1 bangayizoba inqwelo ehambe umgama
omde. Abafundi beBanga 2 nabeBanga 3 bangazalisa
itheyibhuli.
I-ENEJI NENGUQUKO 47
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 48
Babuze ukuba,
O Zingaphi iindlela onokuzifumana
zokumisa ibhastile?
O Yeyiphi eyona ndlela isebenza
ngcono kunezinye?
O Yintoni eyenza into ukuba iqalise
ukuhamba?
Emva koko ke landelisa ngokunika
abafundi bakho imicingana yokusela,
ze ubacele ukuba basebenzise
imicingana yabo yokusela ukwenza
ukuba amabhastile abo ahambe.
Ingaba bangayisebenzisa kusini na
imicingana yabo ukumisa amabhastile
abo? Nika abantwana ithutyana
lokufunisela nokuzama oko, ze
bafumane iindlela ezininzi
kangangoko banakho zokusebenzisa
imicingana yabo yokusela ukuzama
ukuhambisa amabhastile abo
kwakunye nokuwamisa.
INDAWO YOKUSEBENZELA 4
Yintoni etsalwa ngoomazibuthe (ngeetshowukhi)
Kuza kufuneka uqokelele izinto ezininzi ezahlukileyo ekusetyenziswe izinto
ezahlukileyo ukuzenza. Zama ukuqokelela izinto ezininzi ezahlukileyo
neziqhele ukubonwa ngabafundi koko kubangqongileyo, njengakumakhaya
abo, okanye esikolweni. Zifake ezi zinto zahlukileyo etreyini enkulu okanye
esicikweni sebhokisi esingenzulwanga, ukuze bonke abafundi abaseqeleni babe
nakho ukufikelela kuzo ukuze baphande ngeempawu zazo.
Kananjalo kuya kufuneka ukuba umfundi ngamnye abe nomazibuthe
(itshowukhi) wakhe. Kulunge kakhulu ukuba bonke abantwana abaseqeleni
baphande ngexesha elinye, ukuze kungabikho mntwana ulinda ithuba
elilelakhe ukuze asebenzise umazibuthe.
Beka itreyi enezinto ezahlukileyo etafileni, ze unike umntwana
ngamnye umazibuthe wakhe. Xelela abafundi
bakho ukuba baphande ngazo zonke izinto
ezahlukileyo ukuze bafumanise zonke izinto
ezitsalwa ngumazibuthe, okanye izinto
umazibuthe ancamathelayo kuzo. Cela abafundi
ukuba benze iintlanti ezimbini. Kufuneka
benze ubuhlanti bazo zonke izinto umazibuthe
ozitsalayo okanye oncamathelayo kuzo. Emva
koko ke kufuneka benza obunye ubuhlanti
bazo zonke izinto ezikhoyo ongazitsaliyo
umazibuthe okanye ongancamatheliyo kuzo.
Cela abafundi bakho ukuba babhale phantsi
ingxelo yoko bakufumanisileyo ngokwemizobo
okanye bakwenze oko ngokwetheyibhuli
enezintlu ezimbini.
Oomazibuthe
Omnye umazibuthe uya kutsalela izinto ezithile kuwo.
Zinto zini ozitsalela kuwo?
Zinto zini ongazitsaliyo?
Kwenzeka ntoni ukuba uthathe oomazibuthe aba-2, wababeka
kwiindawo ezimbini ezahlukileyo kodwa zibe zisondelelene?
Guqula omnye umazibuthe umbeke ngelinye icala.
Kwenzeka ntoni ke ngoku?
I-ENEJI NENGUQUKO 49
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 50
ICANDELO 4
IPlanethi yoMhlaba
nokuNgaphaya kwayo
Ikota
yokuqala
ingxelo yendlela
iNyanga ekhangeleka ngayo. Sithe kananjalo sabeka iKhalenda
yeNyanga yase-Afrika ebonakalisa ukuguquka
kwezimo zenyanga kunyaka wonke. Ezi khalenda
ziveliswa kwaye zifumaneka kwaClip-Clop,
oyinkampani encinane yaseKapa. Uya kuzifumana
iinkcukacha zoqhagamshelwano nale nkampani
kwiphepha 82 elikwisiHlomelo.
Kananjalo kuya kufuneka ucinge ngexesha lonyaka
ofuna ukwenza ngalo olu phando. Siphonononge
izimo zeNyanga ngekota yokuqala yonyaka, ngexesha
apho isibhakabhaka siqhele ukungabinamafu
eNtshona Koloni. Kuya kufuneka ucinge ngexesha
apho kuqhele ukungabikho mafu esibhakabhakeni
ukuze wena nabafundi bakho nibe nokuphonononga
kakuhle. Ingakhathaza kakhulu into yokuba kubekho
amafu amaninzi ze abantwana bangabinakho
ukubona inyanga.
INyanga
INyanga inezimo.
Sibona iNyanga kuba
ibonakalisa ukukhanya
kweLanga
Ukuphanda ngemozulu
Ukuphanda ngemozulu
Kuya kufuneka ukuba uthathe isigqibo malunga nokuba ufuna ukuba olu
phando luqhube ixesha elingakanani. Mhlawumbi ungagqiba kwelokuba ufuna
ukuba abafundi bakho baphande ngemozulu isithuba esingangenyanga. Okanye
bangaqhubekeka nophando ikota yonke. Nguwe omakazikhethele. Into
ebalulekileyo yeyokuba ukhuthaze abafundi bakho ukuba “bacinge ze
basebenze njengosonzululwazi” (nguSkamp, 1998)
Ukwandisa uphando
Ungalwandisa olu phando ngokujolisa kwizimanga zendalo yengingqi,
umzekelo, izandyondyo zemvula ebusika, imililo yamadlelo ehlotyeni. Okanye
mhlawumbi unganqwenela ukuseka ingxaki njengengxam yophando
lwabafundi. Enye yeendlela ezihamba phambili onokwenza ngayo oku
kukusebenzisa imifanekiso.
Ukusebenzisa imifanekiso nabafundi
Kuya kufuneka ukuba uqokelele imifanekiso yemizekelo eyahlukileyo yemozulu
ukuze uyisebenzise nabafundi bakho. Kuya kufuneka ukuba ube nemifanekiso
engama-20 ubuncinane. Kananjalo kuya kufuneka ukuba ube nephepha
elikhulu elinetshati kwakunye nekoki.
Qala ngokukhetha umfanekiso omnye ukubonisa ukuba ufuna ukuba abafundi
bakho benze ntoni na.
Xhoma umfanekiso lowo kwitshati esephepheni. Qokelela abafundi ukuze
beme ecaleni kwakho, bakungqonge ze bathethe ngomfanekiso lowo. Ukuba
usebenza nabafundi beBanga R okanye abeBanga 1, bhala amagqabantshintshi
abakunika wona ngokwemaphu yeengcinga, ujikeleza umfanekiso lowo.
Le mifanekiso iyafumaneka
kwa-PSP
Isiqukumbelo
Sithemba ukuba uya kuyifumana le ncwadana
iluncedo olukhulu, ze ibe nempembelelo kuwe
ekwabelaneni kwakho nabafundi bakho
ngezeNzululwazi. Sithemba ukuba ulonwabele
uphando obulwenza nabafundi bakho. Kambe
sikwathemba ukuba iingcebiso esizenzileyo
zikukhuthazile ukuze uphande eminye imibuzo
abanayo abafundi bakho.
Siyazi ukuba ootitshala abaninzi besiGaba sesiSeko
bayabakhuthaza abafundi babo ukuba baphonononge
kwaye bafunde ngehlabathi labo. Le nto ibaluleke
kakhulu. Abantwana abancinane bathe qwa kwaye
banomdla kakhulu ngokubangqongileyo. Kufuneka
sivule isithuba kusuku oluxakekileyo lwesikolo, kwaye
sidale namathuba okuba abafundi bethu balandele
imibuzo yabo kwaye bahlole nangakumbi ngenkxaso
yethu.
Kule ncwadana sicebise ngeendlela zokuhlanganisa
uphando kunye neminye imimandla yokufunda.
Ikharityhulamu yesizwe isicela ukuba sihlanganise
imimandla yokufunda. Kambe ezeNzululwazi zisinika
amathuba amaninzi natyebileyo okunxulumanisa
iLitheresi kwakunye neNyumerasi. Singakwazi ukuba
sibalise amabali siwafake kuphando lwezeNzululwazi.
EzeNzululwazi zisinika isigama kwakunye namathuba
okuba sandise kwaye siphuhlise ukusetyenziswa
kolwimi ngabafundi. Xa kuthethwa ngokuphuhlisa
nokwandiswa kolwimi kwakunye nelitheresi
kubafundi bethu, oko kuthetha ukuba kufuneka
sibanike izicatshulwa ezinomdla nezinyanisekileyo
abaza kusebenza ngazo. EzeNzululwazi ziveza kwaye
zinike umxholo nomongo wezi zicatshulwa. Kambe
uphando oluninzi lufuna ukuba silinganise kwaye
sisebenzise neengqiqo zamanani kunye nezakhono.
Ukuba abafundi bethu beSigaba sesiSeko sibanika
ummandla nesithuba sokuhlola ze baphande
ngehlabathi labo, baya kuba nomdla kakhulu kwaye
balonwabele eli solotya lekharityhulamu. Kananjalo
siya kube sibalungiselela amava azayo kwiNzululwazi
yezeNdalo abaya kuhlangana nawo kwikhondo labo
lasesikolweni. Kambe kwazi bani? Mhlawumbi omnye
wabantwana esibafundisayo angaphela
enguSonzululwazi obalulekileyo kwixa elizayo. Into
ebalulekileyo nengamandla kukuba masibavulele
amathuba sibaxhase xa bephonononga kwaye behlola,
bekwafunisela nangehlabathi labo
ISIHLOMELO
A m a p h e p h a o k u p h o n o n o n g a – isiXhosa
Ndajonga ..................................................
Ndaqaphela
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
ISIHLOMELO 65
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 66
Igama loSonzululwazi . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . .
Ndajonga ..................................................
Ndabona
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
. . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . .Endikuqapheleyo
Umhla . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . .
Ndajonga
..........................................................
..........................................................
Umfanekiso wento endiyibonileyo
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
ISIHLOMELO 67
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 68
A m a p h e p h a o k u p h o n o n o n g a – English
I looked at .................................................
I noticed
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
. . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . .Observation
Date ...................
I looked at
..........................................................
..........................................................
A picture of what I saw
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
ISIHLOMELO 69
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 70
I looked at .................................................
I noticed
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
A m a p h e p h a o k u p h o n o n o n g a – Afrikaans
Ek kyk na ..................................................
Ek het opgemerk
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
............................
ISIHLOMELO 71
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 72
Ek kyk na ..................................................
Ek het opgemerk
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
. . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . .Waarneming
Datum . . . . . . . . . . . . . . . . . .
Ek kyk na
..........................................................
..........................................................
’n Prent van wat ek sien
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
..........................................................
ISIHLOMELO 73
iTshati ye-L-F-F
74
FPSc Xhosa2
ISIHLOMELO
Loluphi ULWAZI Yintoni ESIFUNA Yintoni Singayifumanisa Yintoni
9/13/09
75
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 76
Amalahle etotshi
Iibhalbhu zetotshi
ISIHLOMELO 77
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 78
ISIHLOMELO 79
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 80
isiBhadlalala seMbukumbuku
yoMnqathe oMkhulu
Ngokubhalwa nguLeo Tolstoy
Kudala-dala kwaye kukho ixhego elithile elatyala igaqana lomnqathe othile obizwa
ngokuba yitheniphu Khula, “Khula theniphu encinane, khula ube mnandi. Khula,
khula, khula theniphu encinane, khula womelele.” Yenjenjalo ke nayo itheniphu
ukukhula, yakhula yamnandi kwaye yomelela, yasisibhadlalala esikhulukazi.
Kwathi ngenye imini, eli xhego laya kuyitsala itheniphu yalo. Layitsala, layitsala,
kodwa ayatsho ukutsaleka itheniphu. Ixhego laye labiza ixhegokazi lalo. Ixhegokazi
laye latsala ixhego. Ixhego laze latsala itheniphu. Baphinda batsala kwakhona, ayaze
yatsho itheniphu ukuza.
Ixhegokazi laqonda ukuba malibize umzukulwana walo. Umzukulwana watsala
ixhegwazana. Lona ixhegwazana latsala ixhego. Ixhego lona latsala itheniphu.
Baphinda batsala, batsala, kodwa ayaze itsho ukuphuma itheniphhu.
Umzukulwana wabiza inja yakhe emnyama. Inja yatsala umzukulwana.
Umzukulwana watsala ixhegwazana. Ixhegwazana latsala ixhego. Ixhego latsala
itheniphu. Baphinda batsala, batsala, ayatsho ukuza itheniphu.
Inja yabiza ikati. Ikati yatsala inja. Inja yatsala umzukulwana. Umzukulwana watsala
ixhegwazana. Laza ke ixhegwazana latsala ixhego. Xhego elo latsala itheniphu.
Baqhubeka betsala, batsala, batsala, kodwa nkqi ukuphuma itheniphu.
Ikati yabiza impuku. Impuku yatsala ikati. Ikati yatsala inja. Inja yatsala
umzukulwana. Umzukulwana watsala ixhegwazana. Laza ke ixhegwazana latsala
ixhego. Xhego elo latsala itheniphu. Ngelingeni bhuncu, phumiyane loo
mbukumbuku yetheniphu.
AmaKhadi oMsebenzi
ISIHLOMELO 81
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 82
Amabhastile
Ungalenza njani ukuba ibhastile lihambe?
Yintoni omawuyenze ukuze ibhastile
lihambe?
Fumana iindlela ezahlukileyo zokwenza
ukuba ibhastile lihambe.
Yeyiphi eyona ndlela ingcono kunezinye?
Kutheni le yona indlela ingcono kunezinye?
Iidilesi eziluncedo
Clay Supplier Clip-Clop
Kiln Contracts (Pty) Ltd Fiona & Chris Berensford
11 Celie Road PO Box 2735
Retreat Clareinch
7945 Cape Town 7740 Cape Town
Tel: (021) 701-6682 Tel: (021 671 6686
Fax: (088) 021 671 6686
Science Equipment
Rutland Industries Planetarium
PO Box 27036 Iziko South African Museum
Benrose 25 Queen Victoria Street
2011 Johannesburg Gardens
Tel: (011) 618-3646 8001 Cape Town
Fax: (011) 614-9810 Tel: (021) 481-3822
ISIHLOMELO
ICawe UMvulo ULwesibini ULwesithathu ULwesine ULwesihlanu UMgqibelo
9/13/09
4:41 PM
Page 83
83
Imozulu yethu
84
FPSc Xhosa2
eyona nto eyona nto eyona nto eyona nto eyona nto
yenzekileyo yenzekileyo yenzekileyo yenzekileyo yenzekileyo
Uqikelelo
4:41 PM
Yintoni eyona
nto yenzekileyo
Uqikelelo
Page 84
Yintoni eyona
nto yenzekileyo
Uqikelelo
Yintoni eyona
nto yenzekileyo
Uqikelelo
Yintoni eyona
nto yenzekileyo
Uqikelelo
Yintoni eyona
nto yenzekileyo
Uqikelelo
Yintoni eyona
nto yenzekileyo
Uqikelelo
Yintoni eyona
nto yenzekileyo
Uqikelelo
Yintoni eyona
nto yenzekileyo
Uqikelelo
Yintoni eyona
nto yenzekileyo
Uqikelelo
Yintoni eyona
nto yenzekileyo
Ukucwangcisa uphando
Umfundi unenxaxheba Umfundi ucwangcisa Umfundi ucwangcisa Umfundi usebenzisa
ayithabathayo uphando uphando njengelungu izinto ezikhethwe
ekucwangcisweni ngokuzimeleyo. leqela. liqela ukuze abe
komsebenzi nokuthetha
wophando. ngesicwangciso seqela
ISIHLOMELO 85
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 86
Ubomi neMpilo
Ubudlelwane Iyantlukwano kwizityalo
Iinkqubo zobomi kwakunye
kokusingqongileyo nezilwanyana endalweni,
nempilo entle
iinguqu kwakunye
nokuqhubekela phambili
I-Eneji neNguquko
Izikhupheli-eneji kwakunye neenkqubo I-Eneji kwakunye noPhuhliso eMzantsi Afrika
ISIHLOMELO 87
FPSc Xhosa2 9/13/09 4:41 PM Page 88
I-PSP ngumbutho woqeqesho lwemfundo kwasele besemsebenzini onika inkxaso ootitshala bezikolo
zamabanga aphantsi ngakumbi izikolo ezisezilokishini zeleNtshona Koloni, kummandla wokufunda
wezeNzululwazi yezeNdalo kwakunye neminye imimandla yokufunda ehambelana nawo. Lo mbutho
uzinze e-Edith Stephens Wetland Park, ePhillipi, ekufutshane neendawo ezininzi ezihlala uluntu
oluhluphekayo kwelaseKapa.
I-PSP isebenze ukusuka ngo-1984 kwaye sele yakhe intsebenziswano nobudlelwane obuhle nezikolo
zamabanga aphantsi ezingama-200 kuzo zonke iindawo
ezineeelokishi, kuqukwa iindawo zasemaphandleni zaseBoland kunye nezaseWest Coast. Ngaphezulu
kwe-1050 lootitshala bamaBanga 4 ukuya kwele-7 kunye nabantwana abangama-126, 000 bazuze
lukhulu kumsebenzi wePSP.
IINKCUKACHA ZONXIBELELWANO
Western Cape Primary Science Programme (PSP)
Edith Stephens Wetland Park
Lansdowne Road
Philippi, Cape Flats, 7785
P.O. Box 24158
Lansdowne 7779
South Africa
Tel: (021) 6919039 - Fax: (021) 6916350
e-mail: info@psp.org.za (website: www.psp.org.za)
NPO: 015-822
Registration Number: IT2806/99
ISBN 978-0-9814425-2-5